New:

Inkcazelo Ngathi

I-ClinLife kusimahla kwaye kulula ukuyisebenzisa i-Webhusayithi yayo ekuncedeni iziguli emhlabeni wonke zifumane izifundo ezifanelekileyo zempilo ngokunxulumene nezigulo zazo. Idwelisa zonke izifundo zezigulo okanye imeko yezempilo, ikunike nelink eluncedo xa ukhangela izifundo zempilo.

“Kutheni sasungula iClinLife?”

Injongo yethu siyiClinlife neseyinjongo yethu unanamhla, kukwenza izinto lula kwiziguli emhlabeni wonke ukuze zifumane uphando kulwazi lwezempilo. Ngaphandle kophando lwezempilo, bekungazubakho amayeza amatsha. I-Clinlife iye yaphenjelelwa zezi zizinto:

Ulibaziseko

Ukunqaba kwabantu abathabatha inxaxheba kuphando lwezempilo: Zifikelela ku 80pesenti izifundo zempilo ezibanjezelweyo ngenxa yamanani aphantsi eziguli eziqashwayo. Iingxaki zokuqashwa kweziguli kulibazisa ukufumaneka kwamayeza amatsha.

Ukungathabathi nxaxheba kwesinintsi

Uphando lwakutshanje lubonisa ukuba ngaphantsi kweepesenti ezilishumi zabantu abathabatha inxaxheba kwizifundo zophando lwezempilo.

Ukungasasazwa kolwazi

Amanani aphantsi abo bathabatha inxaxheba kuphando lwezifundo zempilo loo nto ikhokelela ekubeni kungasasazwa lwazi-lunintsi lweziguli noogqirha bazo, kuquka nemfundo esisiseko engaqondwa ngabantu ukuba uphando lwezempilo lwenziwa kanjani nokuba yonganyelwa njani ngabasemagunyeni abamiselweyo.

Imfuno ephezulu

Uphando lwezamayeza ludinga amatshantliziyo aziziguli njengoba emanintsi amayeza athembisayo kwizidingo ezingekaphunyezwa kwizigulo ezingubhubhani, eziqatha nezinqabileyo ukuze kuqhutyekwe nokwenziwa kwechiza lwexesha elizayo.

Iziganeko ezibalukekileyo zeClinLife


Isitadi sokuqala seClinLife(intlobo yesi2 yesifo seswekile) wenziwa ngo2005 eBerlin, eJamani. Namhlanje, iClinLife ifumaneka kumazwe angaphezu ko50 nakwilwimi ezingaphezu kwe35 kwaye siye sadibana neziguli ezingaphezu kwe1,200 kuvavanyo lwezempilo.

2005 - iClinLife yasungulwa
2008 - i1 miliyoni yabavakatshi beClinlife ngonyaka
2015 - ayi500,000 amalungu abhalisiweyo eClinlife emhlabeni-jikelele
2018 - ziyi1000 iimvavanyo zempilo eziye zaphumelela
2021 - ziyi1,200 iimvavanyo zempilo i1.4 miliyoni yamalungu kuquka nentsebenziswano ne 100+ zeendawo zemfundo eUSA nje kuphela

I-ClinLife isekwe kwaye iqhutywa nguClariness, inkampani ezimeleyo esekelwe eZurich, eSwitzerland, kunye ne-subsidiaries eJamani, e-USA nase-UK.